
Sign up to save your library
With an OverDrive account, you can save your favorite libraries for at-a-glance information about availability. Find out more about OverDrive accounts.
Find this title in Libby, the library reading app by OverDrive.

Search for a digital library with this title
Title found at these libraries:
Library Name | Distance |
---|---|
Loading... |
Isihloko sale ngqokelela yemibongo sakhelwe phantsi kwemibono yabantu beAfrika ngeAfrika yabo. Xa ababhali besithi ''Umthandazo wama-Afrika" babhekisa kwimibono nakwiinzame ezenziwa nguRhulumente nkqu noluntu lonke ukusombulula iingxaki zeAfrika. Ababhali bakholelwa ukuba wonke ubani unomthandazo ngelizwe lakhe. Le mithandazo yama-Afrika ithi iqapheleke kakhulu xa abaphulaphuli nababukeli behlomla phantsi kwesihloko esithile esichaphazela ezoqoqosho kumabonakude nakunomathotholo. Ubeva besiza neembono ezahlukeneyo ngawo lo mxholo uthiwe thaca phezu kwetafi le. Le ncwadi ijonge ukukhuthaza amathandazwe eAfrika, nolutsha oluthe lungenanto kodwa lwavuka lwaseka imibutho ezimeleyo engahlawulwayo (Non–Profit Organisations) ngeenjongo zokusindisa abantu kwiziyobisi, nakulwaphulo-mthetho. Kwakhona ithi ikhuthaze iinkokeli zasekuhlaleni, ezithe zakha igqiza lekwayala zomculo kunye nemidlalo yeqonga ephuhlisa isizukulwana somgquba. Le ngqokelela yemibongo yeyenkokeli ezinesazela nenimba yokwazi ukuba iAfrika yiAfrika ngobuntu.