
Sign up to save your library
With an OverDrive account, you can save your favorite libraries for at-a-glance information about availability. Find out more about OverDrive accounts.
Find this title in Libby, the library reading app by OverDrive.

Search for a digital library with this title
Title found at these libraries:
Library Name | Distance |
---|---|
Loading... |
Yaxhuzula iveni yatsala, ndathi xa ndihlala ngeempundu, yaqhotyoshwa xhikri, ngxi yema, ndathi kuba ndingabambelelanga ndawo, ndatshibilika ndaya kubetheka entla. Ukuba yayingeyongxowa endandigungxiswe yona, ngeyayindiqwenge ndaphela inja endaya kuntlaleka kuyo phaya entla. Ndithe ndikhalima ndisithi, suka nja, yabe isitsho intsini yeziya zinja zimbini ngaphambili, incedisa ukukhonkotha kwenja eyayigqiba ukundigqavula.'
Nanku umntwana wabantu efakwe nenja emhadini wenqwelo yamapolisa. Phaya ngaphambili kule nqwelo kukho izikhohlakali ezibini, nazifanisa nezinja oku kwazo umbhali Ingaba konakele phi bethu? Wangqavulwa zizinja ngemva nangaphambili kule nqwelo lo mfana yintoni kodwa?
Khawuzifundele olu ncuthu mazangwa lwenoveli ephuma kusiba lwento kaSaule, uMvulane, Amazwembezwembe kaMfazwe ahambisa umzimba, iinwele zinge ziyancothuka xa ufunda ngeemeko ezingaginyisi mathe awayephumela phantsi kwazo lo mfana ekwidabi lokulwela inkululeko yomntu oNtsundu. Unesikhumbuzo semihla yenkohlakalo, kuba usisiqhwala ngoku kanti wayengazelwanga esiso. Ngethamsanqa ke bethu inyaniso nokulunga ziyayoyisa inkohlakalo ekugqibeleni. Kunamhlanje nje uyayingqina le nto uMfazwe xa sele ezipholele emzini wakhe, unyana wakhe edlala kamnandi nowommelwane wakhe oMhlophe.